Uncuthu Lwengoma 8:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngubani lo uvela ngasentlango,uqhogene nesithandwa sakhe?Ndakuvusa phantsi kom-apile,apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,apho waba nenimba khona owakuzalayo.

6. Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.Ludangazela ngathi lidangatye,luvuthe ngathi ngumlilokazi.

7. Alungecinywa nangamanzi;alukhukuliseki naziimpuphuma.Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakhoungasuka ube sisigculelo.

8. Thina sinodade wethu;akakantshuli namabele.Kambe, singamenzela ntoni mhla acelwayo?

9. Ukuba ke ebeludongangesimakha abe yinqaba yesiliva.Nokuba ngaba ebelisangongesimkhusela ngemivalo yomsedare.

10. Ewe, mna ndiludonga;la mabele ziinqaba.Yiloo nto emehlweni akhendingulowo umphathela ukwaneliseka.

Uncuthu Lwengoma 8