1. Akwaba ubungumnakwethu,nditsho owancanca kumama.Bendiya kukuncamisa naphandle phaya,ndize ndingagxekeki noko.
2. Bendiya kukukhokelandikuse endlwini kamama,yena wandifundisayo,ndikuseze iwayini edidiyelwe ngezinongonencindi yeerharnati zam.
3. Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,esokunene sona sindiwole.