35. Bathi bakumbona, bonke abantu ababehlala eLida nakwintili yaseSharon bazinikela eNkosini.
36. EJopa kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguTabhita, oko kukuthi uBhadikazi. Lonke ixesha lakhe wayelichithela ekwenzeni okulungileyo, enezinwe, ebanceda abahlelelekileyo.
37. Ngeli xesha wagula, wasweleka. Bawuhlamba umzimba wakhe, bawubeka egumbini elikumgangatho ophezulu.
38. Njengoko iJopa yayingekude eLida, beva abalandeli bakaYesu ukuba uPetros useLida, baza bathumela amadoda amabini nomyalezo wokuba uPetros makancede afike ngokukhawuleza.
39. Akalibazisanga uPetros; wahamba nawo kwangoko. Akufika khona, wasiwa egumbini elo liphezulu, waphahlwa libubu labahlolokazi ababelila, bembonisa iingubo kwaneempahla awayezenza uBhadikaziNqesiGrike “uDorkas” esaphilile.
40. UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka.