11. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.
12. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.
13. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.
14. Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona.
15. Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele,