Umsebenzi Wabathunywa 28:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. xa wathi:“ ‘Yiya uthi kwaba bantu:Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

27. Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo,bawavala namehlo abo.Kungenjalo bebeya kubona,beve ngeendlebe zabo,baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum,ndize ndibaphilise;’utsho uThixo.”

28. UPawulos wenjenje ukuyiphetha intetho yakhe: “Ngoko ke yazini ukuba udaba lukaThixo olungosindiso lusiwa ezintlangeni. Ziya kuluva zona.” [

29. Emva kokuba uPawulos etshilo, emka amaJuda, ehamba exambulisana odwa.]

30. Yaba mibini iminyaka uPawulos ehlala endlwini ayiqeshileyo, ezamkela ngobubele zonke iindwendwe zakhe.

31. Wayeshumayela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo, efundisa iindaba ezingeNkosi uYesu Krestu, ethetha ngesibindi, engathintelwa nto.

Umsebenzi Wabathunywa 28