Umsebenzi Wabathunywa 26:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAgripa wathi kuPawulos: “Uvumelekile ukuzithethelela.” UPawulos ke waphakamisa isandla, wenjenje ukuziphendulela:

2. “Kumkani Agripa, ndinenyhweba ukuba ndibe ndiza kuziphendulela phambi kwakho namhlanje, kuzo zonke ezi ndawo ndityholwa ngazo ngamaJuda;

3. nangakumbi kuba wena unolwazi ngamasiko amaJuda nezinye iinkcukacha zobuJuda. Uze undiphulaphule ngenyameko ke.

4. “Iyaziwa ngawo onke amaJuda indlela endandiziphethe ngayo kwandiselula. Ayayazi kwakudala indlela endandihlala ngayo kummandla wakowethu naseJerusalem.

5. Kudala kakade esazi, ukuba angathanda ukuyingqina loo nto, ukuba mna kwasekuqaleni ndaba lilungu lelona qela lingqongqo kunqulo lwakowethu, iqela *labaFarasi.

Umsebenzi Wabathunywa 26