4. Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo.
5. Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete.
6. Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu,
7. kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi.
8. ULisiya wayalela ukuba aze kumangalelwa kuwe.] Nawe ngokwakho ekumvavanyeni kwakho uya kuziqonda uziva ngaye ezi zinto simmangalela ngazo.”
9. NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.
10. Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: “Ndiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho.
11. Nawe unokuyiqonda into yokuba azingaphezu kweshumi elinambini iintsuku ndayayo eJerusalem ndiye kunqula.
12. AmaJuda akandifumananga ndixoxa namntu *endlwini kaThixo, engandifumananga ndiphembelela dushe bantwini *ezindlwini zesikhungo, okanye naphi na apho edolophini.
13. Futhi akanabo ubungqina obuphathekayo malunga nezi zinto andityhola ngazo ngoku.
14. Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.
15. Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni.
16. Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.
17. “Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini.
18. Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo.