1. Emva kweentsuku ezintlanu umbingeleli omkhulu uHananiya waya eKhesariya, ekunye nabadala abathile noTertulo igqwetha. Bavela phambi kwerhuluneli bemmangalela uPawulos.
2. Weziswa uPawulos, waza uTertulo wammangalela wenjenje: “Felekis, mhlekazi ohloniphekileyo, ukulawula kwakho ngobulumko kuze nethuba elide loxolo. Nezinye izinto eziyimfuneko zenkqubela siyazibona zisenzeka kweli lizwe lethu.
3. Ngamaxesha onke siyazamkela ezi zinto, futhi sinongazenzisiyo umbulelo kuwe.
4. Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo.
5. Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete.
6. Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu,
7. kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi.