Umsebenzi Wabathunywa 2:37-47 Ibhayibhile (XHO96)

37. Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”

38. Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

39. Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.”

40. Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.”

41. Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.

42. Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.

43. Imiqondiso nemimangaliso emininzi awayenza *ngabathunywa uThixo yatsho yabakhohla abantu.

44. Bonke abakholwayo bahlala bebambene, bedlelana ngezinto abanazo omnye nomnye.

45. Babethengisa ngempahla yabo, babelane ngemali leyo ngokweentswelo zomntu ngamnye.

46. Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana,

47. bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

Umsebenzi Wabathunywa 2