Umsebenzi Wabathunywa 17:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngaloo mazwi basitsho isihlwele nabaphathi-dolophu bakhathazeka.

9. Abaphathi-dolophu babahlawulisa imali yesibambiso ooJason nabanye abo ngaphambi kokubakhulula bahambe.

10. Kuthe nje kusandul' ukuhlwa, amakholwa abathumela eBheriya ooPawulos noSilas. Bafika apho, baya *kwindlu yesikhungo yamaJuda.

11. Abantu balapho bona babeneengqondo eziphangaleleyo kunabantu baseTesalonika. Baluphulaphula ngomdla bona udaba, bazifunda mihla le *neziBhalo, befuna ukuqonda ukuba uPawulos unyanisile na.

12. Kwaguquka abantu abaninzi, amadoda kunye namakhosikazi amaGrike akumgangatho ophezulu entlalweni.

13. Kodwa akuva amaJuda aseTesalonika ukuba uPawulos ulishumayela naseBheriya ilizwi likaThixo, aya apho, afika afaka umoya woqhushululu ebantwini.

14. Amakholwa amsa ngaselwandle uPawulos kwangoko. Basala bona ooSilas noTimoti eBheriya.

15. La madoda âhamba noPawulos, ada aya kutsho eAtene. Abuyela eBheriya nomyalelo kaPawulos wokuba ooSilas noTimoti mabakhawuleze baye kuye.

16. Kwathi xa uPawulos wayesalinde uSilas noTimoti eAtene, wafumana umnqa kukubona indlela ezazizininzi ngayo izithixo kuloo dolophu.

17. Waxoxa endlwini yesikhungo namaJuda kunye neentlanga ezazihlonela uThixo. Ngokukwanjalo wayexoxa nabantu ababegqitha-gqitha ebaleni lembutho.

Umsebenzi Wabathunywa 17