Umsebenzi Wabathunywa 17:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.

31. Kaloku uwumisele umhla apho aya kuligweba ihlabathi lonke liphela ngobulungisa, ngeNdoda ayimiseleyo. Le nto uyingqine kubantu bonke ngokuyivusa loo Ndoda ekufeni.”

32. Bathi bakumva uPawulos ethetha ngovuko lwabafileyo, bahlekisa ngaye. Bambi bathi: “Sisafuna ukuyiva kwakhona le ntetho yakho.”

33. Waza ke uPawulos wemka apho entlanganisweni.

Umsebenzi Wabathunywa 17