Umsebenzi Wabathunywa 14:16-20 Ibhayibhile (XHO96)

16. Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo;

17. kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.”

18. Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.

19. Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile.

20. Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.

Umsebenzi Wabathunywa 14