Umsebenzi Wabathunywa 13:38-39-43 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro.

5. Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.

6. Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.

7. Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo.

8. Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni.

9. Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo,

38-39. Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.

40. Lumkani ke ngoko, hleze ihle kuni into eyathethwa ngabashumayeli, besithi:

41. “ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenuyinto eningayi kukholwa yiyonokuba ubani uthe wanichazela.’”

42. Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise.

43. Emveni kokuphuma kwentlanganiso, uPawulos noBharnabha balandelwa sisihlwele samaJuda neentlanga eziguqukele ebuJudeni, baza basikhuthaza ukuba sibambelele ngenyameko kuThixo onesisa.

Umsebenzi Wabathunywa 13