33. uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’
34. “UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,endazithembisa uDavide.’
35. “Kwakhona uthi kwenye indawo:“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’
36. “Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola.
37. Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole.