Umsebenzi Wabathunywa 13:28-31 Ibhayibhile (XHO96)

28. Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.

29. Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.

30. Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,

31. waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.

Umsebenzi Wabathunywa 13