28. Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.
29. Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.
30. Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,
31. waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.