1. Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule.
2. Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
3. Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
4. Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro.
5. Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.
6. Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.
38-39. Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.