Umsebenzi Wabathunywa 11:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Abathunywa namakholwa akulo lonke elakwaJuda, eva ukuba iintlanga nazo zilamkele ilizwi likaThixo.

2. Akubuyela eJerusalem uPetros, amaJuda angamakholwa amgxeka esithi:

3. “Wena ubulundwendwe lwabantu abangolukiyo ngokwesiko likaMosis, usitya nokutya nabo.”

4. Ke yena uPetros wabanika inkcazelo ezeleyo, esusela ekuqaleni kwento eyehlayo. Wathi:

5. “Ndathi ndiseJopa, ndithandaza ndabona umbono. Ndabona kusihla into engathi lilaphu elikhulu, lithotywa ngamasondo omane ezulwini, yaza kuthi ngxingxilili ngakum.

6. Ndaqwalasela ngaphakathi kuyo, ndabona izilo nezilwanyana, iinyoka neentaka zasendle.

7. Ndeva ilizwi lisithi kum: ‘Vuka, xhela utye, Petros.’

8. Kodwa mna ndithe: ‘Nkosi, unotshe! Andizanga ndikufake kowam umlomo ukutya okungatyiwayo.’

9. Kwakho lathi ilizwi elo: ‘Musa ukuthi ayityiwa nayiphi na into uThixo athi iyatyiwa.’

10. Le nto yenzeka kwada kwakathathu, kwathi ekugqibeleni labuyiselwa kwasezulwini elo laphu.

11. Ngaloo mzuzu kanye, nako kufika kuloo mzi ndandihlala kuwo, amadoda amathathu awayethunywe kum, evela eKhesariya.

Umsebenzi Wabathunywa 11