6. olundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.”
7. Sakumka isithunywa eso, uKorneli wabiza izicaka zakhe ezibini, kunye nejoni elalimhlonela uThixo, elalingumlindi wakhe.
8. Wabachazela konke okwakumhlele, waza wabathuma eJopa.
9. Ngomhla olandelayo, xa babesendleleni, besondela eJopa, uPetros uthe emini emaqanda waya kuthandaza phezu kwendlu kwindawo esabuvaranda.
10. Wasuka walamba, wafuna into etyiwayo, kwathi besamlungiselela ukutya wabona umbono.
11. Wabona izulu livulekile, kusihla into engathi lilaphu elikhulu libanjwe ngamasondo omane, lisiza emhlabeni.
12. Kulo kwakukho zonke iintlobo zezidalwa ezingatyiwayo ezizitho zine, ezirhubuluzayo, nezibhabhayo.
13. Weva ilizwi lisithi kuye: “Vuka, xhela utye, Petros.”
14. Waphendula wathi: “Nkosi, ngunotshe lowo! Mna andizange ndiyitye into engatyiwayo.”
15. Laphinda ilizwi elo lavakala kuye lisithi: “Musa ukuthi ayityiwa into athi uThixo iyatyiwa.”