Umsebenzi Wabathunywa 10:35-46 Ibhayibhile (XHO96)

35. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.

36. Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke.

37. Niyasazi isiganeko esenzekayo kulo lonke elakwaJuda, ukuqalela eGalili, emva kokushumayela kukaYohane ngobhaptizo.

38. Nivile ngoYesu waseNazarete owathanjiswa nguThixo ngoMoya oyiNgcwele waba namandla. Wayehamba kulo lonke, esenza okulungileyo, ebaphilisa bonke ababephantsi kwamandla omtyholi, kuba uThixo wayenaye.

39. Thina singamangqina ako konke awakwenzayo eJerusalem nakwelamaJuda. Bambulala ngokumbethelela emnqamlezweni,

40. waza uThixo wamvusa ekufeni ngosuku lwesithathu.

41. Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni.

42. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.

43. Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”

44. Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule.

45. AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga,

46. kuba baziva zithetha ngalwimi zimbi, zidumisa uThixo. UPetros wathetha wathi:

Umsebenzi Wabathunywa 10