Umika 7:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Njengakwimihla yokuphuma kwenu eJiputandobabonisa imimangaliso yam.”

16. Izizwe zothi zingabona zinyoshozenakuba bezisakuba namandla.Zosuka ke zibamb' ongezantsi,zithi ti, zivingcek' iindlebe.

17. Zosuka zity' uthuli njengeenyoka;zofana nezidalwa ezirhubuluzayo,eziphuma emingxunyeni zingcangcazela.Ziya kunkwantya phambi koNdikhoyo uThixo wakho,zitsho zoyike ngenxa yakho.

18. Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?Nguwuphi oxolela ubugwenxa,angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

Umika 7