Umika 4:2-4 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.

3. Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,wona amakrele awenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.

4. Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,kungekho namntu uya kuboyikisa.Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.

Umika 4