Umika 1:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kaloku inxeba leSamariya alinyangeki,ngoku selisosulela noJuda lo.Selikumasango abantu bam;ewe, kwiJerusalem ngenkqu.

10. Le nto ze ningayibiki eGati;ze ningakhe nigixe konke-konke.Ze nizibhuqa-bhuqe eluthulini eBhete-leafra.

11. Dlulani nihamba zé nilihlazo, nina bemi baseShafire.AbaseZanan abacingi baphume.IBhete-ezele ikwinzilo;akukho ndawo isondele kuyo yokuzikhusela.

12. AbaseMaroti bayapena-pena ziintlungu,belangazelela okulungileyo,kuba isithwakumbe sivele *kuNdikhoyo,sathi gaxa kumasango eJerusalem.

13. Nina bemi baseLakishe, bophelan' amahash' enqwelweni.Yaba nini abangcamli besono,neZiyon nayikhokelela kwakuso;ubugwenxa bukaSirayeli bufunyenwe kuni.

14. Nangoku nab' izipho zokwahlukana,ninikezele kwiMoresheti yaseGati.IAkezibhi yona ngumkhohlisi;ibagqibile ookumkani bakwaSirayeli.

15. Ke nina, bemi baseMaresha, ndiya kunizisela oya kunidla ilifa.Yena lowo usisidima sikaSirayeli uza kufika eAdulam.

16. Zilani nigugule nitsho ngeenkqayi ngenxa yabantwana enibathandayo.Chengezelisani ngeempandla ngathi lixhalanga;kaloku baza kuthathwa basiwe ekuthinjweni.

Umika 1