Umatewu 9:34-38 Ibhayibhile (XHO96)

34. Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”

35. UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo.

36. Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi.

37. Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni.

38. Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”

Umatewu 9