Umatewu 9:29-37 Ibhayibhile (XHO96)

29. Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.”

30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”

31. Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.

32. Ukuphuma kwazo ezi mfama, nako kufika isimumu esiphethwe yindimoni, siziswa kuYesu.

33. Kwathi yakukhutshwa indimoni wasuka wathetha lowo ubesisimumu; baza bamagaliswa abantu, besithi: “Into enje ayizange yenzeke kwaSirayeli.”

34. Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”

35. UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo.

36. Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi.

37. Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni.

Umatewu 9