1. UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo.
2. Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”
3. Baza abathile kubachazi-mthetho bathetha bodwa besithi: “Lo mfo unyelisa uThixo!”
4. UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wathi: “Kutheni na ukuba nibe neengcamango ezikhohlakele kangaka?
5. Okukona kulula kukuphi na: kukho ukuthi: ‘Zixolelwe izono zakho,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’?
6. Ke ukuze nazi ukuba yena uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!”
7. Waphakama ke, wagoduka.
8. Bakukubona oku abantu, batsho boyika, bamdumisa uThixo, yena onika abantu igunya elingaka.
9. UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.”Yaphakama, yamlandela.