Umatewu 8:24-34 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele.

25. Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!”

26. Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.

27. Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

28. UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela.

29. Asuka akhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo? Ngaba uze kusivisa iintlungu na, kungekabi lilo ixesha lazo?”

30. Mgama kwakukho umhlambi omkhulu weehagu edlelweni.

31. Iindimoni zambongoza uYesu zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele kulaa mhlambi weehagu.”

32. Wathi kuzo: “Yiyani.” Zaphuma ke, zaya kungena ezihagwini. Wasuka umhlambi lowo wonke waphaphatheka, wehla ethambekeni, weyela elwandle, warhaxwa ngamanzi.

33. Abalusi bezi hagu babaleka, bemka baya edolophini, bakuxela konke okwenzekileyo, bekubalisa nokwenzeke kwababephethwe ziindimoni.

34. Yaphuma ke yonke loo dolophu ukuba ibonane noYesu. Bakudibana naye bambongoza okokuba aphume emideni yabo.

Umatewu 8