13. “Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo.
14. Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.”
15. “Balumkeleni *abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.
16. Nobaqonda ngezenzo zabo, njengokuba nemithi iqondwa ngeziqhamo zayo. Kakade, khe kukhiwe iidiliya emqaqobeni, okanye amakhiwane emngeni?
17. Kaloku wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle, kodwa wona umthi ongalunganga uvelisa iziqhamo ezibi.
18. Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongalunganga awunakuvelisa ziqhamo zihle.
19. Ke wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
20. Ke ngoko abashumayeli abaxokayo nobaqonda ngezenzo zabo.”
21. “Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
22. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini: ‘Nkosi, besingashumayeli egameni lakho na, sikhuphe neendimoni ngegama lakho, size kwangegunya legama lakho senze imimangaliso emininzi?’
23. Ke mna ndiya kuthi kubo: ‘Andizange ndanazi; mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’”
24. “Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
25. Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe.
26. Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo.
27. Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!”
28. Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe,
29. kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.