1. “Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo –
2. kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.
3. Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?
4. Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso?
5. Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala loo mqadi ukwelakho iliso! Wôbona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.
6. “Musani ukukunika izinja okungcwele, kananjalo *iiperile zenu musani ukuziphosa ezihagwini, hleze zizinyathele ngamanqina, zijike ziniqwenge.”
7. “Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa;
8. kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.
9. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela isonka, asuke amnike ilitye;