Umatewu 6:2-16 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi *ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

3. Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene,

4. ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.”

5. “Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

6. Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

7. “Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.

8. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli.

9. Thandazani ke ngoko nina nithi:“ ‘Bawo wethu osezulwini:Malaziwe lihlonelwe igama lakho,

10. malongame ulawulo lwakho,makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.

11. Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

12. usixolele amatyala ethu,njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;

13. ungasiyekeli ekulingweni,koko sihlangule kumtyholi;[kuba ngenene nguwe olawulayo,namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’

14. “Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

15. Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”

16. “Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

Umatewu 6