Umatewu 4:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi.

2. Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo.

3. Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”

4. Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”

5. Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,

6. wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”

7. UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”

8. Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo,

Umatewu 4