1. Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi.
2. Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo.
3. Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”
4. Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
5. Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,
6. wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
7. UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
8. Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo,