Umatewu 28:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo.

3. Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu.

4. Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.

5. Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni.

6. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.

7. Khawulezani ke, niye kubaxelela abafundi bakhe okokuba uvukile kwelabafileyo. Niyabona, uyanandulela ukuya eGalili, apho niya kumbona khona. Nivile ke, ndinixelele.”

8. Bemka ke engcwabeni ngokukhawuleza, babaleka bephethwe luloyiko naluvuyo olukhulu, besiya kuxelela abafundi bakhe.

Umatewu 28