18. Wasondela uYesu, wathi kubo: “Anikwe mna onke amagunya ezulwini nasemhlabeni.
19. Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele;
20. nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”