Umatewu 28:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wasondela uYesu, wathi kubo: “Anikwe mna onke amagunya ezulwini nasemhlabeni.

19. Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele;

20. nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

Umatewu 28