Umatewu 28:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba.

2. Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo.

3. Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu.

4. Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.

5. Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni.

Umatewu 28