37. Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”
38. Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.
39. Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko,
40. besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”
41. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi:
42. “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye.
43. Wayekholosa ngoThixo, esithi unguNyana wakhe; uThixo makamsindise ke ngoku ukuba uyamthanda.”
44. Nezihange ezazibethelelwe eminqamlezweni kunye naye zazimngcikiva.
45. Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.
46. Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
47. Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.”
48. Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe.
49. Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.”
50. UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.