3. UJudas, lowo wangcatsha uYesu, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, usuke wazohlwaya, wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva,
4. esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.”Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.”
5. Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma.
6. Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.”
7. Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
8. Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.
9. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),
10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.
13. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”