24. UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.”
25. Baphendula ke bonke abo bantu babelapho, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”
26. Wabakhululela uBharabha ke, waza yena uYesu wanikelwa ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.
27. Amajoni ke amsa uYesu eyadini yomzi werhuluneli, aza alibizela apho ibutho lawo liphela.
28. Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu,
29. athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”
30. Amtshicela, ayithatha ingcongolo, ambetha entloko.
31. Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye, esiya kumbethelela emnqamlezweni.
32. Ekuphumeni kwamajoni noYesu, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon, aza amnyanzela ukuba athwale umnqamlezo kaYesu.
33. Afika ke kwindawo ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi iNdawo yoKhakhayi),
34. amnika iwayini exutywe nenyongo, ukuba ayisele. Akuyiva akavumanga ukuyisela.
35. Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngezambatho zakhe, esenza amaqashiso ngazo.