Umatewu 27:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.

16. Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha.

17. Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?”

18. Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.

19. Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”

20. Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe.

21. Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?”Sathi sona: “UBharabha.”

22. UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?”Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”

Umatewu 27