10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.
13. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”
14. Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.
15. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.
16. Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha.
17. Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?”
18. Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.
19. Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”
20. Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe.