1. Kwakusa, bonke ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu babhunga ngoYesu ngenjongo yokuba abulawe.
2. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kwirhuluneli uPilato.
3. UJudas, lowo wangcatsha uYesu, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, usuke wazohlwaya, wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva,
4. esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.”Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.”
5. Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma.
6. Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.”
7. Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
8. Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.
9. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),
10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.