Umatewu 26:70-75 Ibhayibhile (XHO96)

70. Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.”

71. Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”

72. Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”

73. Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”

74. Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku.

75. Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.

Umatewu 26