68. bathi: “Sixelele, Krestu; ngubani lo ukubethileyo?”
69. UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.”
70. Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.”
71. Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”
72. Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”
73. Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”
74. Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku.
75. Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.