48. Ke kaloku umngcatshi lowo wayevumelene nabo ngomqondiso, esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.”
49. UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
50. Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”Basondela ke, bambamba uYesu.
51. Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
52. Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele.
53. Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
54. Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”