Umatewu 25:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya.

5. Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala.

6. “Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’

7. Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo.

8. Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’

9. Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’

10. Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango.

11. “Kamva zafika nezinye iintombi ezo, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’

12. Yaphendula yona yathi: ‘Ndithi kuni, inene, nina àndinazi.’

13. “Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.”

14. “Kuya kuba njengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye ilizwe, wazibiza izicaka zakhe, wayigcinisa kuzo impahla yakhe.

15. Esinye usinike imali ekumawaka amahlanu eerandi, esinye ekumawaka amabini, nesinye ekwiwaka elinye, ezinika ngokwamandla azo. Wahamba ke.

Umatewu 25