Umatewu 25:34-41 Ibhayibhile (XHO96)

34. Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi;

35. kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela;

36. ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’

37. “Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi?

38. Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa?

39. Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’

40. Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’

41. “Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe;

Umatewu 25