24. “Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga.
25. Bendisoyika, ndaza ndaya kuyembela ndayifihla imali yakho. Nantsi ke imali yakho, mhlekazi.’
26. Yaphendula inkosi yaso, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, esilivila, ubusazi nje ukuba ndingumntu ovuna apho angahlwayelanga khona, aqokelele apho angachithanga khona.
27. Ubumelwe ke ngoko ukuyifaka ebhankini imali yam, ndize ndithi, ndakufika, ndiyifumane inenzala.
28. Ke ngoko esi sicaka sihlutheni iwaka elo, nilinike eso siphethe ekumawaka alishumi.
29. Wonke umntu onolutho uya kunikwa, abe nezinto ngakumbi; kodwa lowo ungenanto uya kuhluthwa naloo nto anayo.
30. Ke sona esi sifede sesicaka siphoseni phandle lee ebumnyameni, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ ”
31. “Xa athe wafika *uNyana woLuntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa zezulu, uya kuhlala enkundleni yakhe yobungangamsha,
32. zihlanganiselwe phambi kwakhe zonke iintlanga. Wothi ke abahlule abanye kwabanye ngokomalusi esahlula iigusha ezibhokhweni.
33. Zona iigusha wozibeka ngasekunene kwakhe, iibhokhwe ngasekhohlo.
34. Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi;
35. kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela;
36. ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’
37. “Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi?
38. Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa?
39. Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’
40. Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’
41. “Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe;
42. kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi;
43. ndandingowasemzini, naza anandamkela; ndandihamba ze, naza anandambathisa; ndandigula, ndandisentolongweni, naza ànandihambela.’