Umatewu 25:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Esinye usinike imali ekumawaka amahlanu eerandi, esinye ekumawaka amabini, nesinye ekwiwaka elinye, ezinika ngokwamandla azo. Wahamba ke.

16. Eso sanikwa ekumawaka amahlanu, sithe kwangoko sasebenza ngawo, sazuza amanye amahlanu.

17. Ngokukwanjalo neso sanikwa ekumawaka amabini, sazuza amanye amabini.

18. Ke sona eso sasinikwe ekwiwaka elinyé, semka saya kuyimbela siyifihla imali yenkosi yaso.

19. “Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yafuna ingxelo kuzo.

20. Seza eso sasinikwe ekumawaka amahlanu, siphethe kwanamanye amahlanu, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amahlanu eerandi. Nantsi ke enye, mhlekazi, ekumawaka amahlanu endithe ndayizuza.’

21. Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’

22. “Seza neso sicaka sasinikwe ekumawaka amabini, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amabini eerandi. Nantsi ke, mhlekazi, enye ekumawaka amabini endithe ndayizuza.’

23. Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’

24. “Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga.

25. Bendisoyika, ndaza ndaya kuyembela ndayifihla imali yakho. Nantsi ke imali yakho, mhlekazi.’

26. Yaphendula inkosi yaso, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, esilivila, ubusazi nje ukuba ndingumntu ovuna apho angahlwayelanga khona, aqokelele apho angachithanga khona.

Umatewu 25