Umatewu 25:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. Esinye usinike imali ekumawaka amahlanu eerandi, esinye ekumawaka amabini, nesinye ekwiwaka elinye, ezinika ngokwamandla azo. Wahamba ke.

16. Eso sanikwa ekumawaka amahlanu, sithe kwangoko sasebenza ngawo, sazuza amanye amahlanu.

17. Ngokukwanjalo neso sanikwa ekumawaka amabini, sazuza amanye amabini.

Umatewu 25