46. Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.
47. Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo.
48. Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’
49. size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila;
50. yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo,
51. ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”