Umatewu 24:46-51 Ibhayibhile (XHO96)

46. Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.

47. Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo.

48. Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’

49. size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila;

50. yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo,

51. ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”

Umatewu 24