4. Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani,
5. kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.
6. Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.
7. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8. Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku.
9. “Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10. Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane.
11. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.
12. Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi.
13. Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
14. Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”