Umatewu 24:34-47 Ibhayibhile (XHO96)

34. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.

35. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”

36. “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.

37. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.

38. Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni,

39. bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.

40. Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe.

41. Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe.

42. “Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

43. Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe.

44. Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”

45. “Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?

46. Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.

47. Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo.

Umatewu 24